Ukuphithikeza nokugxobha ingcingane yeelwimi zaseAfrika njengeelwimi ezenziwa ubunkcubabuchopho

Research Articles

Ukuphithikeza nokugxobha ingcingane yeelwimi zaseAfrika njengeelwimi ezenziwa ubunkcubabuchopho


Abstract

Iilwimi zaseAfrika kudala zaba nobungqondi kwaye obo bungqondi kumele bugqobhozele kwiindlela ezi lwimi ezisetyenziswa ngayo, ncakasana kumaziko emfundo ephakamileyo. Ngoko ke, iilwimi zaseAfrika aziqalanga ukuba nobungqondi emva kowe1994, okanye ukufika kwamamishinari kweli lo Mzantsi Afrika, neAfrika iphela. Ngokukhokelwa yinkcazobungcali yasemva kobukoloniyali, eli phepha liphonononga iphulo lokwenziwa kweelwimi zesiNtu ibe ziilwimi ezinobungqondi kwakhona. Likwaphonononga ukuba ezi nkqubo ziyichaphazela njani imbono yokuzama ukuziphuhlisela ukuba zibe ziilwimi ezinobunkcubabuchopho nobungqondi kwimeko yemfundo nenkcubeko yale mihla. Oku kungqondiswa kubhekisa kwiinzame zokuphuhlisa nokumisela iilwimi zesiNtu ‘ngokusesikweni kumaqonga aphezulu’ ukuze zisetyenziswe ngokwemfundo nenzululwazi, amaxesha amaninzi kujongwe ukukhulisa iwonga kunye nokusebenza kwazo. Oku kwenzelwa ukubandakanya ukuhlalutywa kwakhona nokuvuselela ezi lwimi ukuze zihambelane neengcamango zolwimi kunye nenkcubeko yale mihla kwezemfundo. Ngokuphanda nzulu nokuhlalutya ngeliso elibukhali iindlela zembali kunye nezale mihla ekufundiseni ‘ubungqondi kwiilwimi zomgquba’ kunye nasekubuyiseleni ulwazi. Eli nqaku liza kucela umngeni, lize licebise ukwakha iilwimi zesiNtu ngokuzisebenzisa, ngendlela exabisekileyo nentsokothileyo ebonisa ubungqiqonzulu. Eli phepha likwaxoxa ngokuqonda iindlela ezahlukeneyo ezinokuthi ezi lwimi zibe negalelo ngalo ekubumbeni intetho yobungqondi kuzo, zigxeleshe kuphandonzulu loovimba. Eli nqaku ikwanika ingqwalasela iimeko zentlalo nezopolitiko eziphembelela iindlela ekujongwa ngazo ezi lwimi, lixoxa ligxininise ngelithi iilwimi zomgquba kudala zabakrelekrele, zaba nobunkcubabuchopho, ngoko ke ingcingane ebonisa ukungabinabungqondi kumele igxojwe. Ngelokuqukumbela eli phepha lixoxa ngelithi, sukela ekusekweni korhulumente wentando yesininzi iilwimi zesiNtu zihlelele ukuphuhlisa isigama, kwaye esi sigama asifumaneki zimbalwa kakhulu ezithi zifumaneke kumagumbi okufunda nokufundisa.

Get new issue alerts for South African Journal of African Languages