Izifanekisozwi njengesikrweqe esibalulekileyo kuncwadi lwabantwana oluguqulelwe lwasiwa esiXhoseni

Research Article

Izifanekisozwi njengesikrweqe esibalulekileyo kuncwadi lwabantwana oluguqulelwe lwasiwa esiXhoseni

DOI: 10.1080/02572117.2021.2010919
Author(s): Yolisa Madolo , South Africa

Abstract

Isifanekisozwi sisigaba sentetho esidume ngokuwuzoba ucace gca umfanekisongqondweni waloo nto kubhekiswa kuyo. Songa intetho sikwayinonga kananjalo. Sithi zifaneleke ncam kuncwadi lwabantwana, nanjengoko ludinga ukuba umbhali, osenokuba ngumguqulelimbhali, angapheleli nje ekuyicaciseni loo nto athetha ngayo, koko ayizobe ngendlela yokuba umntwana akwazi ukusebenzisa izivo ezihlanu ezingundoqo ukuze ayiqonde ngcono. Umlesi kufuneka ayinukise, ayive, ayingcamle, ayiphathe ekwayibona ncam ngeliso lengqondo loo nto izotywayo. Isifanekisozwi sisixhobo esiphambili ekufezekiseni oku. Xa sele luguqulelwa lusiwa esiXhoseni olu ncwadi lwabantwana, izifanekisozwi zithi zisebenze njengenye yeendlela zokuguqulela. Iingcali zoncwadi lwabantwana ziyakungqina ukubaluleka kwezifanekisozwi kuncwadi lwabantwana. Yaye iithiyori ezikhankasela uguqulelo oluza nentetho esulungeke ngathi yeyoqobo kulwimi ekusiwa kulo ziyayikhuthaza into yokuba umguqulelimbhali azisebenzise kangangoko izixhobo eziya kuthi ziphumeze le njongo yezi thiyori. Ithiyori yeSikoposi yenye yezo thiyori. Eli nqaku lijonge ukuphuhlisa ukubaluleka kwezifanekisozwi ekugqamiseni ubuncwane boncwadi lwabantwana oluguqulelwe lwasiwa esiXhoseni. Iincwadi zabantwana eziguqulelwe zisuswa esiNgesini zisisiwa esiXhoseni, ezileselwe ukulungiselela eli nqaku, zibonakalise ukuba izifanekisozwi azipheleli nje ekugqamiseni umfanekiso ozotywa ngumbhali ongumguqulelimbhali, koko zikwacutha nenani lamagama asetyenziswa ekudluliseni umyalezo othile. Izifanekisozwi zikhulisa nesigama ebantwaneni. Ziphinde ziyenze intetho eguqulelweyo ifaneleke ncam njengentetho esulungekileyo kulwimi lwesiXhosa, nanjengoko zisetyenziswa kakhulu nakuncwadi gabalala.

Get new issue alerts for South African Journal of African Languages