Uphicothonzulu lweentsingiselo zegama elithi ‘<em>kaffir</em> ‘ kusetyenziswa inkcazobungcali yobuhlanga

Research Article

Uphicothonzulu lweentsingiselo zegama elithi ‘kaffir ‘ kusetyenziswa inkcazobungcali yobuhlanga

DOI: 10.1080/02572117.2024.2308294
Author(s): Mlamli Diko University of South Africa,

Abstract

Kukho ingcinga ephosayo, neyalatha ukuba amagama ocalucalulo nathoba isidima sabaNtsundu kwimeko yoMzantsi Afrika omtsha, anokuqondwa ngeenkcazobungcali zesimantiki nepragmatiki kuphela. Loo nto yenza kubekho ukuqhwalela ekuqondeni iintsingiselo ezondele nzulu kwimbali nocalucalulo olwalugquba eMzantsi Afrika. Oku, kungaphezu kokuba kusekho iimpawu nemikhwa yokusetyenziswa kolwimi olucalucalulayo kuMzantsi Afrika omtsha, nto leyo ethi ithibaze kwaye ithintele intsebenziswano nokubumbana phakathi kweentlanga ngeentlanga. Ngesi sizathu, eli nqaku lijolise ekuphicotheni nzulu nasekucubunguleni iintsingiselo eziminxiselwe kwigama elithi kaffir elisetyenziswa kakhulu kwimeko yoMzantsi Afrika ukubulala isidima nokutshabalalisa ubuntu kwisizwe somgquba. Ukuchongwa kweli gama kutyhalwa kukungaqondakali kobunzulu beentsingiselo ezincathame kulo, into ke leyo ethi ikhokelele ekubeni abaMhlophe bangabonakalisi kurhoxa nganeno ngokungqamene nokusebenzisa ulwimi oluthoba isidima sabaNtsundu. Ukuphalisa iingxoxobunzululwazi zeli nqaku, inkcazobungcali yobuhlanga isetyenziswa njengegqwesileyo ukuze kuvele iintsingiselo ezincathame kwigama elithi kaffir kwimeko yoMzantsi Afrika. Iziphumo kunye neengxoxobunzululwazi zeli nqaku zibonisa ukuba eli gama lithi lithunuke, livuselele iinkumbulo kwaye lisebenze njengesithuko kwisizwe sabaNtsundu ngenxa yezenyeliso elizimumethileyo. Phakathi kwezinye iintsingiselo, kuvela ngakumbi nangakumbi ukuba igama eli linentsingiselo ejolise ekwenzeni abaNtsundu izicamba zokuxangxathwa. Ngamazwi aqukumbelayo, kuyabonakala ukuba ulwimi olucalucalulayo lumumethe imbali etyebileyo. Loo nto ibonise ukuba olu lwimi kusafuneka ukuba luphicothwe ngokubanzi kuxhathiswe ngeembonobunzululwazi zaseAfrika. Okungamandla, kugxininiswa ukuba asingombono omhle ukuyeka imbali yabaNtsundu emumethwe lulwimi icime, njengoko ubani enokuqaphela ukuba ulwimi lusisisele senyathi.

Get new issue alerts for South African Journal of African Languages