Isihloko: “Yintoni esegameni?” Uhlalutyo lwamagama athiywe abalinganiswa abangamanina kwiincwadi ezikhethiweyo zesiXhosa

Research Articles

Isihloko: “Yintoni esegameni?” Uhlalutyo lwamagama athiywe abalinganiswa abangamanina kwiincwadi ezikhethiweyo zesiXhosa


Abstract

Ukuthiywa igama kwabalinganiswa kuncwadi yinxalenye yokubunjwa kwabalinganiswa. Igama umbhali alithiyayo liba yinxalenye yengqiqo yombhali noko anqwenela ukudlulisa ngencwadi ayibhalileyo, kuba amagama anentsingiselo enzulu yaye abhekiselele kwimiba ebalulekileyo. Amagama abantu kumaXhosa akhelwa kumnombo weziduko, kubuKrestu, amava osapho umntwana azalelwe kulo, okulindelwe ngabazali ebantwaneni, iziganeko ezenzeke ngexa lokuzalwa komntwana okanye emva kwamagama esizukulwana esingaphambi kwabazali babo umzekelo ookhokho bomntwana. Nakubeni iingcali ziphandile ngokuthiywa kwamagama kuncwadi lwesiXhosa, besebenzisa isithako sothiyomagama kuncwadi, lunqongophele uncwadi olugxile kuthiyo lwabalinganiswa abangamanina nokuhlalutywa kwamagama abawathiyiweyo kusetyenziswa isithako sobukhomokazi. Ngako oko, injongo yolu phandolwazi kukuhlalutya amagama athiywe amanina kwiincwadi ezikhethiweyo zesiXhosa. Ukuphumeza le njongo, siza kusebenzisa uphandolwazi lohlahlelohlobo (qualitative research), sihlalutya amagama asixhenxe athiywe amanina kwiincwadi zesiXhosa ezine ezibhalwe mandulo nezo zibhalwe kutshanje. Ukuhlalutya la magama, siza kusebenzisa isithako sothiyomagama kuncwadi nesithako sobukhomokazi ngokwabaNtsundu eMzantsi Afrika. Nakubeni ababhali bangabe balandele imigaqo eyiyo yesiNtu neyesithako sothiyomagama ekuthiyeni abalinganiswa abangamanina, idatha esiyihlalutyileyo ityhila ukuba amagama abawathiye amanina abonisa ukungalingani ngokwesini, nokukhokelela kwingcinezelo ngokwesini, kuwazoba amanina njengabantu abangaphantsi nabaxhomekeke emadodeni. Igalelo lolu phandolwazi kukukhuthaza ababhali beencwadi zesiXhosa ukuba bathathele ingqalelo neminye imigaqo xa bethiya abalinganiswa abangamanina kwiincwadi zabo, ukuze bangazeki tyala lokudodobalisa isini esithile.

Get new issue alerts for South African Journal of African Languages