Uhlalutyo nzulu lwemirhiba engolwaphulomthetho ngabomthetho kwiinoveli zesiXhosa ezichongiweyo

Review Article

Uhlalutyo nzulu lwemirhiba engolwaphulomthetho ngabomthetho kwiinoveli zesiXhosa ezichongiweyo


Abstract

Injongo yolu phando kukuxavatha umba wolwaphulomthetho olwenziwa ngabomthetho nangona bekumele ukuba bakhusela umthetho noluntu ngokubanzi. Kufumaniseka ukuba ngabo abatshotsh’entla kulwaphulomthetho oluqhubeka umhla nezolo, noluye lufake uluntu engozini. Ingcingane eyithiyori yomthetho wendalo yiyo ekuqanyelwe ngayo xa kuxavathwa olu phando. Le thiyori ibonisa ukuba umthetho kufuneka usoloko uphantsi kokuhlolwa kwaye uxhase umgaqo osesikweni wobulungisa njengoko unqweneleka kuyo nayiphi na inkqubo yomthetho. Yiyo ehluba ukuba ebantwini makunkqenkqeze phambili ulonwabo kwaye iveza okusemthethweni emakwenziwe nemakungenziwa. Le thiyori iza kuncediswa zezi thiyori: eyokuthintela, eyokudediswa ixeshana eluntwini neyokubuyiselwa kwisimo sangaphambili. Zezi thiyori ezincedisana nokululeka lowo wenze okunxamnye nomthetho ukuze abuyele kwimo yakhe yangaphambili. Indlela eyintyilazwi yophando esebenzisa inkcazo namazwi isetyenzisiwe ngumphandi, kuba kuphando lwakhe usebenzise iinkcukacha azichonge kwiinoveli ezingophando nolwaphulomthetho ezizezi: ‘Ngenxa yesithembiso’ bhalwe ngokaNkohla nencwadi ethi ‘Inkaw’idliw’ilila’ ebhalwe nguKula. Kolu phando kusetyenziswe indlela yokuthetha kuthathwa iinkcukacha kwezi ncwadi zimbini, ngoko ke akuzi kusetyenziswa manani. Indlela yokuhlalutywa yemixholo apho kuza kucutyungulwa khona imixholo, yiyo enkqenkqeze phambili ekushukuxeni uphando. Iziphumo zibhentsise ukuba ulwaphulomthetho oluquka ukunyoluka, inkohlakalo nobuqhetseba obenziwa ngabomthetho kuzalwa kukudela imivuzwana yabo engephi abathi bayifumane rhoqo ngenyanga nengazoneliyo kwaphela iimfuno neengxaki zabo, ze babhenele kwiinzame ezingezinye zokuzuza imali ekhawuleziyo. Oku kubonisa ukuba leli qhosha elize ngokungemthetho elibanceda bakwazi ukuphila ubomi obungcono luntwini. Iziphumo zophando zibhence ukuba olu lwaphulomthetho lusisihlava esidodobalisa uqoqosho nto leyo ingumbulalazwe. Urhulumente ucetyiswa ngumphandi ukuba anyuse imivuzo yabo bangamagosa omthetho kwaye ukwacebisa nokuba xa igosa lomthetho lithe lenza into encomekayo malibuyekezwe ngemali.

Get new issue alerts for South African Journal of African Languages