Abafazi njengeentsika zesizwe: Ukutyhilwa kwabalinganiswa abangabafazi kwiidrama ezimbini ezibhalwe ngababhali bezini ezahlukileyo

Research Article

Abafazi njengeentsika zesizwe: Ukutyhilwa kwabalinganiswa abangabafazi kwiidrama ezimbini ezibhalwe ngababhali bezini ezahlukileyo

DOI: 10.1080/02572117.2024.2395841
Author(s): Nobathembu Dilayi Walter Sisulu University, South Africa , Yolisa Madolo Walter Sisulu University, South Africa

Abstract

Olu phando lugxile ekutyhilweni kwendlela abazotywe ngayo abalinganiswa abangabafazi ngumbhali ongumfazi nombhali oyindoda kwiidrama ezimbini ezichongiweyo. Kuphawuleka ukuba iidrama ezininzi, ngakumbi ezibhalwe ngamadoda, zisoloko zityhila abafazi njeengabalinganiswa abadlala iindima ezingabalulekanga nezibonakalisa ukuba ngezantsi kwamadoda. Kwakhona, ezi drama zithi zibazobe njengabenza izinto ezingakhiyo nezibonakalisa ukuswela ingqiqo ephangaleleyo. Kwezi ncwadi zichongiweyo kolu phando ababhali batyhile icala labafazi elahlukileyo kwelo liqhelekileyo. Abalinganiswa abangabafazi batyhilwe bedlala iindima ezibalulekileyo nezakhayo kwaye zibonakalisa ubukrelekrele nokuba bangabemi abagqibeleleyo nabathembekileyo kwiintsapho zabo, ekuhlaleni naselizweni ngokubanzi. Olu phando luqhutywe ngokuhlalutya uncwadi olusele lubhaliwe, kusetyenziswa indlela yedesktop. Loo nto ithethe ukuba khange kuqokelelwe zinkcukacha zophando kubathathinxaxheba bophando. Olu phando lubondelwa kwithiyori yeAfricana Womanism. Le thiyori ijolise kwiinkcubeko nentlalo yaseAfrika. Ngokusebenzisa le thiyori, olu phando luyityhile intlalo yabafazi njengengentlanga kwaphela, ngokubangelwa kukusingelwa phantsi kwabo kubomi babo bemihla ngemihla. Abafazi bafunyaniswe benegalelo elikhulu ekuxhaseni amadoda nasekukhuliseni iintsatshana. Babonakele bengatyhafi lula yaye bekwazi ukuxhasana bekwaxhasa namadoda. Ukuvinjwa imfundo kubonakele njengomba ofuna ukuqwalaselwa, nangona loo nto ingabathezi mandla nje xa besebenzisa ingqiqo yabo yemveli.

Get new issue alerts for South African Journal of African Languages